|
EGWEGWE: EMTHATHA : 4 April 2009
Ndinovuyo ukuba lapha kunye
nani eMpuma-Koloni. Sihlangana ezivekini angaphantsi kwamathathu
kufike unyulo luzayo, unyulo oluvundlisayo kwimbali yelizwe lethu.
Nangona ingelosuku lokuqala ukuza kwam
eMpuma-Koloni, ndibona luyeyona lubalulekileyo ekuzeni kwam apha.
Nangona ndingaqalanga ukufunda nge-ANC apha, kodwa ku apha
eMpumalanga-Koloni apho ndafumana khona ithikithi lobulungu bMbutho
Wolutsha We-ANC.
Azange kwishumi elinesihlanu yeminyaka ye
nkululeko ugqatso luphezulu kangaka. Akuzange kubekhona elithuba
lokukhupha lorhulumente ohlulekileyo nodiniweyo kukulawula
esikhundleni. Akuzange ngaphambili kubeneqela lezopolitiko
eliphikisayo libe nethuba lokubhala ngokutsha ipolitiki yelizwe.
Asoze siliyeke eli thuba lityibilike eminweni yethu.
Ixesha lifikile lokwakha isininzi esitsha
kwezopolitiko zotshintsho.
IMpuma-Koloni ibotshelelwe ngumzabalazo
wenkululeko yaseMzantsi Afrika.
Ukubuyela kwam apha kukubuyela kwindawo
zengqokelela yobomi bam, apho ndafikelela ebudaleni bam.
Ndandineminyaka eyishumi elinethoba ngexesha ndiphumelela
ezifundweni zam eziyintloko kwisidanga, ku-History ne-Bantu
Administration, eYunivesithh yase Fort Hare.
Ndifunde phantsi ko Professor ZK Matthews,
ngeloxesha eyiNtloko ye Cape Province ye ANC. Ndaba lilungu
lolutsha lwe ANC. Ngeloxesha intanga yam eyayifunde kakhulu
neyayikhaliphile, u Robert Sobukwe, waye nguSihlalo woMbutho
Wolutsha we ANC kusebe lase Fort Hare elalinamandla efuthe kumgaqo
nkqubo we ANC ilizwe liphela. Ngeloxesha igqwetha elincinci ogama
lingu Nelson Mandela ayenguNobhala we ANC. Ndajoyina i ANC Youth
League khona apho nangokho.
Umalume wam, u Dr Pixley ka Isaka Seme,
ongumsunguli we ANC, wabhala incwadi ebhalela u Professor ZK
Matthews mhla ndandisohlwaywa e University ngokudlala indima kwi ANC
Youth League yokubhikishela uLusibalukhulu waseMzantsi Afrika, uMnu
G Brand van Zyl. Ndangenela ezinye izifundo e Yunivesithi yase
Natala emva kokugxothwa kwam e Fort
Hare. U Dr Edgar Brookes wacenga
abasemagunyeni e Fort Hare okokuba
bandivumele ndibhale iimviwo zam e Durban, e
Yunivesithi yase Natala.
Ngoba ndandohlwaywe e Fort Hare, mhla
ndandibekwa njengeNkosi yakwa Buthelezi ngo 1953, uMbuso wase Pitoli
wathi ndiseliBambela-Nkosi.
Ngomhlaka 06 ku September 1957, ndaphinda
ndabuyiselwa njengeNkosi yakwa Buthelezi. Inkosi Albert Luthuli
nezinye iinkokheli ze ANC Bandicenga Bendibongoza Besithi
bandithathe ubukhosi. Bebesithi oko kwakuzonceda iimfuneko
zomzabalazo wenkululeko sasiphezu kwawo wokukhulula elilizwe.
Ngonyaka ka 1972, ngokukhuthazwa ngu Mnu
Oliver Tambo kunye neNkosi uLuthuli, ndiye ndaba ngu Chief Executive
Officer ye Zulu Territorial Authority ndabuye ndaba nguChief
Minister kaRhulumente waKwaZulu.
Ndithintele uzimele-geqe ongafunekiyo
kwelilizwe ngoba izicwangciso zorhulumente wengcinezelo
ibizezokwenza abantu abamnyama babe abantu basemzini elizweni labo
xa bemamkele uzimele-geqe ngonyanzelwa yi Pitoli. Kwakukho lemeko
eyintlekisa apho abantu abamnyama bebephatha iipassport apho
kungekho lizwe bangaya kulo ngaphandle kweli. Abanntu abaninzi
beza kum bezocela ndingqine ukuba basuka Kwazulu ukwenzela bakwazi
ukufumana iPassport yaseMzantsi Afrika yokomthetho yokundwendwela
kwamanye amazwe.
Emva kokuba ndifune imibono kaMnu Oliver
Tambo, uBishop Alphaeus Zulu kunye no Mongameli u Kenneth Kaunda
waseZambia, siye sasungula umbutho oqinileyo ozinze kubantu
abamnyama, Inkatha Yenkululeko Yesizwe. Ngo August 1976 ndaye
ndabizwa ngu Jimmy Kruger owayenguMphathiswa Wezobulungisa, owathi
uzakuyinqumamisa Inkatha okokuba ubulungu bethu asibugcinisi
emaZulwini. UlowaMphathiswa ayekhohlakeleyo owaphinde wathi ukufa
kuka Steve Biko kwakungamchukumisi! Ndala ukukwenza oko. Inkatha
isoloko ilikhaya kubantu bonke boMzantsi Afrika. Ukungachasi mntu
ibekuko okuchasene nobuhlanga futhi Inkatha ibi phambili kwixesha
layo.
Kwesisiphambuko, mandiphinde isicelo sam
esithi asibuyeli kwizinto ezindala zobuhlanga. Kuye kwabakhona
ingxoxo-mpikiswano ngobuhlanga .Amazulu ejongene namaxhosa,
ayiloxesha na ngoku Ndiyabuza ukuthi thina emagameni ka Saint Paul."
Beka izinto zobuntwana phaya. Akulunganga ukuba u Mr Zuma ngumzulu
okanye aba athathe iintambo kubo ibingamaxhosa abavela kweliPhondo.
Kwicala lokhuphiswano ngemibono nemigaqo nangobuhlanga ayingeni
ndawo.Yimigaqo nengcinga ezifezekileyo esizifunayo.
Ubuhlanga bukude engqondweni yam. Mhla
kwintlanganiso yam yokuqala no Mphathiswa u BJ Vorster. Ndimnyanzele
okokuba akhulule u Nelson Mandela aphakamise uvalo-mlomo kwi ANC
neminye imibutho evalwe imilomo.Kwi Rally zam ezininzi ndiphawule
imibhalo ka Mr Mandela ethi No easy Way To Freedom. Umzabalazo
esawulwa bowumde kunanamhlanje awukafezekiseki.
Sisaphumelele isigaba sokuqala kulenkululeko.
Inkatha ilangazelela ukukhokhela u Mzantsi
Afrika kwi sihlandlo sesibini salenkululeko sishumayeza impumelelo
ebantwini bethu .Kwesisihlandlo sesibini inkululeko yezoqoqosho
kufanele ilandele inkululeko yezopolitiko. Ndichaza ukuthini xa
ndithetha ngenkululeko yezoqoqosho?
Naphi apho ndihamba khona Emzantsi
afrika,abantu inkululeko yezoqoqosho abayazi okokuba ithini
kubo.Umyalezo usoloko umnye. Abathethi ngentlanganiso imbizo targets
and task teams. Isizathu sesokuba ntsuku zonke ubunyani besininzi
sabemi basemzantsi bubukho bentlupheko.Ezinye zezinto zentlupheko
zifumaneka apha kweliphondo nakwa KwaZulu-Natal, Limpopo nakuwo onke
amaphondo anabantu abantsundu.
Abantu base Mzantsi afrika bafuna
amanzi.Sifuna Umbane. Sifuna abazisa iinkozo zophuhliso bakwenze oko
ngentlonipho nanjengoko bebengenza kumntu karhulumente.Sifuna
ukufikelela kwezempilo.Sifuna ukufikelela kwi anti-retroviral drug
namayeza. Sifuna izithuthi ezifikelelekayo nezikhuselekileyo.Thina
Bantu sifuna umthetho uthe ngqo.
Sifuna izitalato ezikhuselekileyo.Sifuna
amapolisa asekuhlaleni akhutheleyo.
Abantu bethu bafuna imisebenzi.Abantu bethu
bafuna imfundo ephucukileyo yabantwana bethu.Abantu bethu bafuna
ingomso nentsapho zabo.nangona kunjalo abntu bafuna urhulumente
ozakwanelisa imfuno zabo.I IFP eburhulumenteni KwaZulu-Natal
ibonakalisile okokuba izakuthatha izigqibo ezinzima futhi asoze
soyike ukwenza njalo.
Ngo 2002, IFP yayalela owayefudula eyi
nkulumbuso yakwa Zulu-Natal u Dr LPHM Mtshali okokuba akhuphe I anti
retroviral drugs ukukhusela intsholongwana kagawulayo ingasuki
kunina iye emtwaneni.Siyenzile ngesizathu esilula yayiyinto
efanelekileyo ukwenziwa.Yiyolent sithi sesizanyiwe zavavanywa.
Izakwenzantoni IFP ukuba iyaluphumelela
unyulo Empumakoloni? Inkatha izakuphuhlisa amanyathelo amafutshane
ukuphuhlisa impilo zamahlwempu kulungiswe iindlela,amanzi,amandla
nezococeko nemali yabantwana izakunyuswa,amaxhego namaxhegwazana
imizi ephantsi kwabantwana kunye neenkedama kulungiswe nendima
yezibhedlele ibe bhetele.Urhulumente kuneka afune indlela
ekhawulezileyo yokuzisa iinkonzo ebantwini.
Ekuhambeni kwethuba IFP ifuna ukuxhobisa
amahlempu ngezixhobo zokusenza ukuze bakwazi ukuziphilisa. Baqhubeke
nemfundo baqhube nokutya okulinyiweyo oomasipala badlale indima
ekuncediseni abantu kwizinto abangakwazi ukuzenza.
Ngaphezukonke oko emva kokuba sesifumene
seva kurhulumente sifuna ukukhuthaza abantu ukuba bakwazi nabo
ukuzinceda.Singumbotho okholelwa okokuba umntu bakakwazi
ukuziphilisa.Bendikwisigqeba esiphezulu iminyaka elishumi.
Ndisebenze no Princess Stella Sigcau.Sobabini sizamile ukuzivakalisa
koogxa bethu ngokubaluleka ukubakhona kwezoqoqosho sizakunceda
iilali ezi sivela kuzo phambi ko 1994.Sizakuthi ke sikhuthaze
ukuncedisana ebantwini bethu ezilalini bavakalise indima yokuzigada
bona.Abantu bethu kweli phondo nakwezinye iinkalo bayakwazi
ukuzondla ehlotyeni.Banikwe uncedo kwicala le Mbewu,fertilizer
tractors balime wonke umhlaba olele nje logama abantu bakuthi
belulawa yindlala.
Kodwa ekugqibeleni asoze siyilwe impi
yendlala ngokwabela nge pie ebonakalayo ngengabonakaliyo.
Akufuneki sime ngokucinga
ngengomso.njengesizwe ngelinye ixesha ndiye ndicinga ukuba senimile
ukucinga ngengomso. Eyona investment umzali angayenza isemfundweni
yomntwana wakhe.I OBE ayisebenzi ngendlela ebizakusebenza ngayo.
Kanye hayi kabini kwisizukulwana ngasinye
kunotshintsho kumhlaba wezopolitiko.Amaza ayaguquka ngakwi ANC.
Umbuzo uthi Ngowuphi umbutho ozakuxhamla apha.Ingaba ukunganeliseki
kwabavoti ngombutho olawulayo kuguqula inxaso yemibutho ephikisayo?
Okanye abavoti bangama qelele?
Ndiyakholwa ukuba abantu basemzantsi afrika
balulambele utshintsho.i IEC ikhuphe ingxelo ethi igenge entsha
iphuma ngobuninzi bayo ekubhaliseni uvoto. Ubuchule kukuba umbutho
ophikisayo uyayikhuthaza legenge iyokuvota ngomhlaka 22 April.
Ndima phambi kwenu namhlanje njengokuthanda
uhlanga ndithanda elilizwe ngaphaya kwamagama.Yithi ndithethe
okusuka entliziyweni.Ndinethamsanqa lokukhokhela ubomi
obutyebileyo,nomda,kodwa andizange ndibe semdleni kangaka nangeyure
yobumnyama kurhulumente wengcinezelo indlela eyaphambili ibonakala
iguquguquka. Namhlanje ubuchule buthe qelele kude.Ibhayibhile
isixelela ukuba ngaphandle kombono abantu bayatshabalala xa
ndiyiqwalasela lemiyalezo echazwe kogxa bethu
kwezopolitiko,Ndiyazibuza Uphi lombono? Liphi elithemba litsha?
Siphi esisithembiso sengomso?
Ngubani ozakumela Umzantsi Afrika kwelixesha
elinje? Ngoobani iimboni ezizakusikhokhela kulombono.Ingaba
abezopolitiko nemvelaphi yabo baselubhangisweni? Ingaba bayakhuthaza
kodwa bengabonakali ncam ukuzinza? Ingaba inenkcaza yobuhlanga
yoshishino?Okanye yinto lento egwagwisayo engenanto eyaneleyo?
Ngubani ozakukhokhela ilizwe lethu
kulengxuba kaxaka yamahlandinyuka yobomi bezopolitiko? Ngubani
ozakunika indlela eyiyo? Ngubani ozakuthi xa into ingeyiyo athi
asiyiyo? Ngubani ozakunikela ngelizwi lakhe elinokuvakala?
Ndiyaphinda futhi,I IFP ibizelwe ukuzokunika
ukukhokhela okukuko kwilizwe elingafumani lukhokhelo
olufanelekileyo.Umyalezo endiza nawo ebantwini beliphondo ndithi
sikulungele ukuphatha.
Kubalulekile okokuba siyayiqinisekisa
intembeko negunya lwezindlu zowiso-mthetho ezinikwe umsebenzi
wokufuna ingqwalasela eburhulumenteni Ndinesiqiniseko sokuba sonke
saye sothuka mhla kwayekiswa oonomadudwane mhla ezobulungisa
zazilungiswa kunye neofisi yentloko eyayiphethwe.Kunento ekhulayo
ethi akukho nto engcwele kungekho nanto engamisa intando yabambalwa.
Kodwa kolulawulo-mmelo yintando yesininzi
ezakoyisa.Ndizibuza ukuba nangona ezinye zowiso-mthetho ezagqithiswa
epalamente ingabe zibonisa intando yabantu? Ngokucacileyo intando
yabantu.ngokucacileyo benikwe ithuba. Abahlali basemzantsi Africa
bangaba sebezakhile izindlu bakhuthaze amapolisa aqeshwe ngabahlali
kunokuthenga ii nkwili. Zininzi ezinye izinto emva kwezindlu
zowiso-mthetho.ndiye bona sengathi abenzi bomthetho bayoyisakala
ukuthetha ulwimi olufanayo nendoda esesitalatweni.
Amandla amaninzi asetyenziswe kakhulu
ekunyamezeleni ubuqhophololo kurhulumente,kodwa sisalinde ubungqina
obuphumeleleyo.
Ndikuvile
ukucikideka,ukungabinamonde,ukungxama kunye nomsindo nokumosha
iimpilo zabantu zingazalisekanga,amabhongo namathemba
awaphumelelanga amaphupho awafezekanga.
Logama kunomntwana omnye ohleli
ekuhluphekeni emzantsi afrika namhlanje.Umntu opensheleyo
osentluphekweni,umntu omnye walelwa ithuba lobomi,ukhona umbotho
omnye ongasoze uphumle asoze ufeze nto, akukho ngqondo epasayo kude
nabo bakhululeke. Lombutho yi IFP.
Ndithemba ndiqiniseke ukba I IFP ongowona
mbutho uuphikisayo onabalandeli abaninzi one record elihle
eburhulumenteni unaso isakhono eside sokuphatha lorhulumente.
Kufanele siqhubele phambili siphucule
ukwakhiwa kwezikolo kunye namagumbi okufundela iilaboratories,
libraries kwenzele abantwana jikelele basemzantsi afrika bakwazi
ukub sezingeni elinye nabantwana abase Biejing nase Bangalore for
high tech jobs zexesha elizayo.Iphupho lami lelokuba yonke
intombazana nenkwenkwe noba imvelaphi yakhe ithini uyalifumana
ithuba lokuya apho Uthixo afuna aye khona ngesakhono sakhe.
Asikaliphumeleli idabi
likagawulayo.Urhulumente ozayo kufanele avelise ichiza asebenze
ngalo hayi ngaphandle kwe NGO's netrade
unions,universities,philantrophic and faith based organisations..
Sinabantu abazimiseleyo yaye sifuna
urhulumente asibonise uthando lwakhe olungenza ksebenze oko.
Isicelo sam kuni namhlanje ukuthi nivotele
umbutho ozanywe wacikidwa I IFP. Asizincome ngelithi singobani
kodwaa ngalento esiyiyo. Siyazidla ngobuntu bethu futhi siyazingca
ngoba siphuma phantsi kwelizwe eneflag enye.Sime njengomlobi e Port
st Johns. Unokhitshi emthatha,umnikazi venkile e Chatsworth imanager
e Sandton. Simele abafuni-msebenzi, abafundi nabazali. Simele abantu
bokholo nabangento.
Esikucelayo nje lithuba
lokulawula.sikholelwa ekubeni ivalues zethu ze solidarity,inkululeko
nomanyano nemithetho nemigaqo yethu ngokukhokhela okuqinileyo.
Ivoti ngalinye liyabalwa asithathi nevoti
elinye kancinci.Ndicela kuninonke nidlulise lomyalezi kwi family
zenu,kwindawo enisebenza kuzo nase zilalini
Ndifuna ukunibulela ngokundamkela kwenu
nokundilungiselela ekundipheni iindlebe ngokumamela umyalezo wam
namhlanje
UThixo anisikelele, Yanga uThixo
angasisikelela sonke apha Emzantsi Afrika.
Nkosi Sikelela i Afrika.
Contact:
Roman Liptak
083 256 4902 |